Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Iziko Lokuqala Elizinikeleyo Le-Anti-Retroviral (ARV) Elimiselwe Egugulethu
3 uMatshi 2005
UMTHOMBO WEENDABA Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
ISebe lezeMpilo eNtshona Koloni lidibene ne-Crusaid, umbutho owasekwa kwelase-UK ojongene neHIV /Aids, liza kumisela iZiko elitsha elizinikeleyo lokuqala lezoNyango nge-Anti-Retroviral, ziko elo liphaya eGugulethu, oko kuya kwenzeka ngoLwesine umhla we-3 kuMatshi 2005. IZiko, 'iHannan Crusaid ARV Treatment Centre' limi njengendawo yokulinga unyango nge-anti-retroviral (ARV) eMzantsi Afrika.

Ekupheleni kukaJanuwari 2005, iSebe lezeMpilo lePhondo leNtshona Koloni linezigulane ezingama-6 660 ezifumana unyango nge-anti-retroviral kwiindawo ezingama-31 kwiphondo liphela, nani elo ligqithileyo kwinto ebekujoliswe kuyo kulo nyaka-mali.

Inkqubo ye-anti-retroviral treatment (ARV) iphakamisa ukuba inkqubo esetyenziswayo ibe yinkqubo esekelezwe ekhaya elusatsheni ukulungiselela unyango nge-anti-retroviral eluntwini, oko kusenziwa ngokwakhela phezu kothungelwano lokuqwalaselwa kwe-HIV osele luqhutywa. Le nkqubo ikhangela abantu abosuleleke yi-HIV ukuze ibe ngabo abafumana olu nyango kananjalo kulandelelelwe abalingani babo, ngolo hlobo ke unyango lwe-ARV olunikwayo luqhube ixesha elide.

Injongo yale nkqubo kukunika unyango kubantu abasuleleke yintsholongwane kaGawulayo kwanamabinqa akhulelweyo agqithiselwe kwiikliniki ezirhangqileyo kunye ne-Yunithi yokuBelekisa- Midwife Obstetric Unit (MOU) eGugulethu. Eli ziko limi embindini wale ndawo liya kusebenza njengeziko lezonyango kwaneziko loqeqesho.

lIziko, iHannan Crusaid ARV Treatment Center limele yonke inkqubo eqaliswayo ye-ARV eNtshona Koloni, utsho uPierre Uys, uMphathiswa wezeMpilo weNtshona Koloni.

ISIPHELO

Ikhutshwa:
ISebe lezeMpilo lePhondo leNtshona Koloni
The Communications Directorate
Tel: +27 21 483 3235/ 483 3716/ 483 3245
 
This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans
UVIMBA-MPEPHA WEENDABA
2008:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2007:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2006:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2005:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2004:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2003:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 3 uMatshi 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo