Ukwakheka kwePasika kumaKristu amaninzi kuqalela kuLwesithathu woThuthu, uthuthu lwalaa mahlamvu ebesetyenziswe kunyaka ogqithileyo kumngcelele weNkonzo yamaHlamvu, uthuthu luqatywa kumabunzi amaKristu njengomqondiso womnqamlezo ukuze lube luphawu lokuzohlwaya. Ixesha eliziintsuku ezingama-40 phakathi koLwesithathu woThuthu neNkonzo yamaHlamvu kuthiwa yiLent, oko kukuthi lixesha leNzilo, liqwalaselwa njengexesha lokuzidela nelemfundiso kwezomoya.
Ngosuku oluyiCawa yamaHlamvu kukhunjulwa ukungena kukaYesu eYerusalem ngempumelelo nangemigcobo, izihlwele ezazingamahlwempu zazimazisa njengeKumkani yeHlabathi, zada zaphakamisa amahlamvu okumhlangabeza zimamkela. Ngobusuku bangoLwesine kwiVeki eNgcwele eyalandelayo noxa kwakunjalo, uYesu wabhiyozela "isiDlo sokuGqibela" okanye "iPasika yamaYuda" enabadisipile okanye abapostile bakhe ababelishumi elinambini, emva koko wabanjelwa isityholo sokungcatsha esathandaza esiTiyeni iGetsemane, wakhohliswa waza wathengiswa nguJudaskariyothi.
UYesu wagwetyelwa ukufa ngokuxhonywa emnqamlezweni, isigwebo sawiswa ziinkokeli zezopolitiko nazezengqobhoko okanye inkolo yelo xesha. Wawuthwala ngokwakhe umnqamlezo esiya kwiNdawo yoKhakhayi ngaphandle kwesixeko, kulapho waxhonywa emnqamlezweni namasela amabini ngoLwesihlanu oLungileyo. Ngeli xesha ezindaweni zokukhonza buyasuswa bonke ubuyokoyoko ezindongeni nakwezinye iindawo ezihonjisiweyo zeso sakhiwo, ukususwa kwezo zihombiso kuthetha ukungabikho kukaYesu. Ngokwesithethe amaqebengwana ashushu aluphawu lokuxhonywa emNqamlezweni, anikezelwa ngoLwesihlanu oLungileyo.
AmaKristu akhumbula "amaZwi asiXhenxe asemNqamlezweni" , akhumbula zonke iziganeko zobungangamsha zaloo Lwesihlanu uLungileyo ngemithandazo. Olo sizi lukhulu lokubingwa kukaYesu njengomnikelo lukwaluloyiso jikelele lokuxolelanisa izidalwa ezingabantu noThixo.
Noxa kwakunjalo ngeCawa yePasika, uMary Magdalene wabhaqa ingcwaba elingenamntu, ukuvuka kukaYesu esoyisa ukufa kuko okungunobangela wovuyo olukhulu oludibene nombulelo. Amaqanda ePasika ayanikezelwa eluphawu lwengcwaba elingenamntu.
Bonke abaza kuluthathela kubo olu hambo lwasemoyeni lukaYesu, ndibanqwenelela ixesha lentsingiselo enkulu nokukhula emoyeni. UYesu uyahlonitshwa, uthandwa zizo zonke iinkolo, okanye ngawo onke amaBandla, Yena usifundisa ukuba sizuza lukhulu ngokulilungiselela ixesha elizayo nangaphezu kokufuna uzuko lwasemhlabeni.
Ebrahim RasoolINkulumbuso yeNtshona Koloni