![]() | Masenza umculo! ISebe Lemicimbi yeNkcubeko NeMidlalo sekumbovu ukuba lenze inkqubo yokumisa i-Ofisi ezimeleyo yeziBonelelo zeeMvumi, eza kuqwalasela imiba emayela namagcisa okwenza anobuncutshe. Bonke abantu abakhoyo nabahlumayo kwimveliso yomculo bayamenywa ukuba banikeze ulwazi kwaneenkcukacha ukuze kudityaniswe uvimba wolwazi wephondo, oza kulawulwa yi-Ofisi yeziBonelelo zeeMvumi. Abantu ababhaliswe kuvimba wolwazi baza kumenywa kwiNgqungquthela yeeMvumi zePhondo ngonyaka wama-2006, ukuze emva koko kwenziwe ubume benkonzo kunye nesicwangciso sokwenza se-Ofisi yeziBonelelo. Ingaba uthabatha inxaxheba ku/kwi?
Imibutho kunye neencutshe ezizodwa zomculo ezingena kolu luhlu nakwezi ntlobo ezikhankanywe ngentla kufuneka banikeze olu lwazi lulandelayo:
Lonke olu lwazi kufuneka lunikezwe kwi: Yonke imibuzo yise kuLindsay Jeptha kule nombolo yefowuni: (021) 483 9722, iFeksi: (021) 483 9711, Iseli: 072 875 0233, okanye i-imeyile: ljeptha@pgwc.gov.za - Mziwandile Made kule nombolo yefowuni: (021) 483 9665 okanye kule feksi: (021) 483 9711 - Zonwabele Mithi kule nombolo Iseli: 083 2100 872 – Nuraan Vallie nombolo yefowuni: (021) 483-9729, Iseli: 082 2937 454. Umhla weshumi elinesithathu, kwinyanga ka 20 Februwari kunyaka ka 2006. Amaphepha okubhalisa ayafumaneka kwiziko lethu, inkcukacha malunga nomba wokubhalisa uyafumaneka kwinqila ezikututshane ezithile. Ngolwazi oluphangaleleyo ningasifowunela. QAPHELA: Uvimba wolwazi uza kusetyenziselwa ukunika ulwazi olululo kwiincutshe zomculo nakwabanye abanomdla kushishino lwezomculo, ukuze kwakhiwe ushishino lwezomculo nokuqinisekisa ufikelelo olulinganayo kwizibonelelo zolu shishino. Uvimba wolwazi uza kunceda ekuchongeni, ekuhlumiseni nasekuphuhliseni italente entsha ukuba ibe ziindwalutho zomculo noonozakuzaku bexa elizayo. KUSETYENZISWENE KUNYE NEQELA LELI THUBA LEEMVUMI | |
![]() | Department of Cultural Affairs and Sport Departement van Kultuursake en Sport Isebe Lemicimbi yeNkcubeko NeMidlalo | ![]() |
| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Masenza umculo!
13 uJanuwari 2006
UMTHOMBO WEENDABA Icandelo loMphathiswa Wemicimbi Yenkcubeko, Ezemidlalo Nolonwabo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
UMTHOMBO WEENDABA Icandelo loMphathiswa Wemicimbi Yenkcubeko, Ezemidlalo Nolonwabo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uJanuwari 2006


