Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Amalungelo Abantwana
2002
Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa)
ISISHWANKATHELO
Olu xwebhu luthi thaca amalungelo abantwana ngendlela efundeka lula.


IMPATHO-GADALALA

Ngamanye amaxesha abantu bangakukhathaza okanye bakoyikise ngokuthi:

NABANTWANA BANAWO AMALUNGELO!

Akukho mntu unamvume yakukukhathaza
Onke amalungelo oluntu angawethu sonke!
Akukho mntu unalungelo lakukukhathaza.

  • bakubethe
  • bakutyhale
  • bakwenze enye into ekukhathazayo okanye ekoyikisayo
  • bakoyikise ngokukonzakalisa wena okanye umntu omthandayo okanye isilwanyana sakho sasekhaya osithandayo
  • bagxeke wena ngezinto ongazenzanga.

Ayilotyala lakho!
Akukho mntu unalungelo lakukukhathaza.

Abantu abavumelekanga ukuba benze ezi zinto

  • nokuba sele bebadala okanye bebakhulu kunawe
  • nokuba sele bengunyoko okanye uyihlo
  • nokuba sele wenze into engalunganga

Ukuba umntu othile ukuqumbele, kufuneka akwazise. Akamelanga kukubetha.

Ukuba umntu othile uya kukhathaza okanye uya kungcungcuthekisa, okanye ukhathaza umntu omaziyo, UNGALUFUMANA UNCEDO.

  • Xelela umntu onokukunceda
  • Yixele de kubekho umntu oza noncedo
  • Tsalela iChild Line kule nombolo - 08000 55555 okanye ke amapolisa kule nombolo - 10111.


IMPATHO-GADALALA NGOKWESONDO

Umzimba wakho ngowakho wedwa!

Abanye abantu bangafuna

Unakho - yithi hayi!

Baleka okanye uxelele omnye umntu

Yixele de kubekho umntu okumamelayo

Tsalela le Nombolo yeChild Line - 0800 55555

Tsalela amapolisa - 10111

  • ukukubamba kumalungu omzimba angaphantsi
  • ukukucela ukuba ubambe amalungu abo omzimba angaphantsi
  • ukukubonisa imifanekiso yabantu abenza izinto ezifana naleyo, okanye abahamba ngaze.

Oku ke kubizwa ngokuba yimpatho-gadalala ngokwesondo. Ukuba oku kwakhe kwenzeka kuwe, ayinguwe wedwa. Akwenzanga nto ingalunganga!

Abantu abavumelekanga ukuba benze ezi zinto kuwe:

  • nokuba sele ubazi
  • nokuba sele bebadala kunawe
  • nokuba sele belungile kuwe
  • nokuba sele ingunyoko okanye uyihlo, unyokolume okanye ummelwane wakho

Akukho mntu umele ukuphathwa gadalala!


ZIGCINE UKHUSELEKILE

Zikho ezinye izinto onokuzenza ukuncedisana namalinge okukugcina ukhuselekile.

Kufuneka uyazi:

  • idilesi yekhaya lakho
  • inombolo yomnxeba wekhaya lakho
  • idilesi nenombolo yomnxeba yasemsebenzini kamama okanye katata wakho
  • igama, idilesi, nenombolo yomnxeba womnye umntu onokukunceda ukuba umama okanye utata wakho akafumaneki ekhaya
  • inombolo yomnxeba yamapolisa kwakunye neyeChild Line.

Ukuba uyoyika okanye kukho umntu omaziyo odinga uncedo, thetha nomntu onokukukhusela, umntu ofana nomama okanye utata wakho, utitshala wakho, ugqirha wakho, amapolisa okanye omnye umntu ecaweni yakho.

Musa ukuyigcina kuwe ngaphakathi - xelela umntu othile

Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uDisemba 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo