| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Olu xwebhu lwapapashwa okokuqala ngenyanga yeDwarha ngo-1999 yi-AIDS Legal Network, ngenkxaso-mali eyayiphuma kwi-European Union Foundation for Human Rights. Yathi ke yaphinda yaveliswa ngemvume yeSebe Lemfundo Lephondo leNtshona Koloni.
IMIBUZO EBUZWA RHOQO | |||||||||||||||
ULAWULO LWENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/LUKAGAWULAYO EZIKOLWENI
Izigidi-gidi zabantu ziphila nentsholongwane kaGawulayo futhi eli nani likhula njalo. Ngenxa yoko ke, amanani enyukayo abafundi nabahlohli abaphila nentsholongwane kaGawulayo ayingxenye yezikolo zethu. Abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo bajamelene nokuxhatshazwa ngenxa yokuba bephila nale ntsholongwane. Kubalulekile ke ngoko ukuba zonke izikolo zibe nomgaqo-nkqubo wentsholongwane kaGawulayo ukuqinisekisa ukuba:
- amalungelo abo bonke abafundi nabahlohli ayahlonitshwa
- abafundi nabahlohli abaphila nentsholongwane kaGawulayo baphathwa ngendlela eyiyo
- ukwanda kokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo kuyathintelwa
- isikolo esi senziwa sibe yindawo engenakhethe nenenkathalo.
iSebe Lemfundo sele liwuqulunqile umgaqo-nkqubo wesizwe oza kujongana nolawulo lwentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo ezikolweni oku kusenzelwa amaziko emfundo kawonke-wonke. Izikolo namaqumrhu alawula izikolo kufuneka aqulunqe ze aphuhlise imigaqo-nkqubo yawo kwiinzame zawo zokumelana nemigaqo ekulo mgaqo-nkqubo wesizwe. Ukuba isikolo esithile asinawo umgaqo-nkqubo waso, eso sikolop siya kulawulwa ngulo wesizwe umgaqo.
Ukwazi amalungelo enu njengabazali, abahlohli nabafundi kwanokuqonda imigaqo yomgaqo-nkqubo wesizwe kwanoneyoMgaqo-siseko kuya kuninceda ukuze nikwazi ukulawula ngendlela eyiyo intsholongwane kaGawulayo/noGawulayo esikolweni senu.
INGABA ABAFUNDI ABAPHILA NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO BANGAGXOTHWA NA ESIKOLWENI
Hayi. UMgaqo-siseko ethu uthi wonke umntu unelungelo lokulingana yaye abantwana banelungelo lokufikelela kwimfundo engundoqo. Umgaqo-nkqubo wesizwe nawo ukwalitsolisa elokuba akukho mfundi uya kuxhatshazwa ze alelwe nendawo esikolweni esikolweni ngenxa yokuba ephila nentsholongwane kaGawulayo.INGABA ABAFUNDI ABAPHILA NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO BANGAPHATHWA NGENDLELA ENGAFANIYO NEYABANYE ABAFUNDI?
Abafundi abaphila nentsholongwane kaGawulayo akufunekanga balivinjwe ithuba lokufikelela kwawona manqanaba aphezulu empumelelo. Izidibgo zabo kufuneka zifezekiswe kangangoko futhi isikolo sense konke okusemandlenj ukuqinisekisa oku, ngokubavumela bafundele emakhayeni abo ukuba kunyanzelekile. Nawaphi na amanyathelo abucala athi athatyathwe kufuneka angabi namkhethe, zimelane neemfuno zonyango yaye zithatyathwe ngentsebenziswano nomfundi lowo nomzali wakhe.
INGABA ISIKOLO SINGANYANZELISA UKUFUMANA IINKCUKACHA ZOBUME BENTSHOLONGWANE ZOMFUNDI?
Hayi. Zonke iinkcukacha zonyango ziyimfihlelo yaye akukho mzali okanye mfundi unyanzeleke ukuba axelele isikolo ngobume bomfundi ophila nentsholongwane. Xa umfundi ophila nentsholongwane kaGawulayo enokuthi axelele abahlohli ukuba yena uphila nale ntsholongwane, kufuneka oko kuhlale kuyimfihlelo.
INGABA IZIKOLO ZINGAZENZA IIMVAVANYO ZALE NASHOLONGWANE KUBAFUNDI BAZO RHOQO?
Asikho isizathu ngokwezonyangop okanye ngonzululwazi sokuba kusoloko abantu basoloko bevavanyelwa le ntsholongwane. UMgaqo-nkqubo Wesizwe awukuvumeli ukuvavanyelwa intsholongwane kGawulayo kwabafundi njengenye yeemfuno zokwamkelwa esikolweni okanye ukuqhubekeka behamba isikolo.
INGABA IZIKOLO ZINGAZENZA IIMVAVANYO ZENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO KUBAFUNDI BAZO NGAPHANDLE KWEMVUME YABO?
Akukho mntu uya kuvavanywa ngaphandle kwemvume yakhe.
INGABA IZIKOLO KUFUNEKA ZIWUTHINTELE NJANI UMNGCIPHEKO WOKOSULELEKA YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ESIKOLWENI?
Intsholongwane kaGawulayo ayinakudluliselwa komnye umntu ngokuqhagamshelana kwemihla ngemihla koluntu. Noxa ke ukosuleleka kwabafundi esikolweni kungaxhomisi mehlo, zonke izikolo kufuneka ziqulunqe futhi ziphuhlise amacebo okulumkisa ukuthintela ukudluliselwa kwazozonke izifo ezosulela ngegazi, kuquka nale ntsholongwane kaGawulayo. La macebo okulumkisa kufuneka aquke ezi zilumkiso zilandelayo:
- Lonke igazi kwakunye neencindi zomzimba kufuneka zithatyathwe njengezinentsholongewane kaGawulayo ze ziphathwe nngenkathalo engummangaliso.
- Bonke abantu abahlangula kwiimeko zengozi eziquka ukuphalala kwegazi kufuneka banxibe iiglavu zeLatex.
- Onke amanxeba kufuneka acocwe ngamanzi nangezibulali-ntsholongwane kwangoko ze avalwe ngento engangenwa manzi.
- Imiphandle enegazi kufuneka icocwe ngomxube webleach.
- Zonke izikolo kufuneka ubuncinci zibe nezixhobo zoncedo lokuqala ezifikelelekayo.
- Iglavu zeLatex kufuneka zisoloko zikho kulo lonke igumbi lokufundela kwanakuyo yonke imidlalo.
- Bonke abafundi nabahlohli kufuneka banikwe iinkcukacha zokuba bangamelana njani na neemeko apho kuphalele igazi.
MALUNGA NOKOSULELEKA YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO NGENXA YEMIDLALO EBAMBANAYO?
Umngcipheko wokudluliselwa kwentsholongwane kaGawulayo ngokwemidlalo apho abadlali babambanayo mncinci kakhulu. Noko kunjalo, namphi na umdlali othe wopha kufuneka akhutshelwe ngaphandle kwebala afumane unyango. Loo mdlali unokuphinda aqalise ngokudlala xa inxeba lakhe livalwe ngokukhuselekileyo watshintshwa nezo mpahla zigcwel' igazi. Abafundi nabaqeqeshi abaphila nentshoongwane kaGawulayo kufuneka bafumane unyango neengcebiso phambi kokuba bangene kwimidlalo apho babambana nabanye abadlali.
INGABA ABAFUNDI BANALLO NA ILUNGELO LOKUFIKELELA KWIMFUNDO NGENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/NOGAWULAYO?
Ewe. Lo Mgaqo-nkqubo Wesizwe unyanzelisa ukuba zonke izikolo zibe nenkqubo ehambayo yokufundisa nokulumkisa ngentsholongwane kaGawulayoe/noGawulayo. Le nkqubo ke kufuneka yayanyaniswe nenkqubo yokuxhobisa abafundi Ngezakhono Zobomi yaye kufuneka ihambelane neminyaka yabafundi futhi ichaneke. Nabazali kufuneka baziswe ngale nkqubo.
INGABA IINTSILATHI ZINGANIKEZELWA ESIKOLWENI?
Umgaqo-nkqubo Wesizwe uyaqonda ukuba lo ngumcimbi onobuzaza kakhulu yaye ucebisa ukuba imiba efana nalo isonjululwa kuqwalaselwe iimfuno neendlela zokuphila zoluntu lwesi sikolo.
MALUNGA NABAHLOHLI NABANYE ABASEBENZI?
uMgaqo-nkqubo Wesizwe Ojongene Nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo wenzelwe abafundi nabahlohli. Oku kuthetha ukuba abasebenzi beziko lemfundo abanakho:
- ukuvavanylewa intsholongwane kaGawulayo ngaphandle kwemvume yabo.
- ukuvavanyelwa intsholongwane kaGawulayo nejngomqathango wokuqeshwa okanye wokuqhubekeka besebenza.
- ukunyanzeliswa ukuba baziveze ukuba banayo na le ntsholongwane okanye abanayo.
- ukugxothwa okanye bahliselwe ngenxa yokuba bephila nale ntsholongwane.
- ukuphathwa ngendlela enomkhethe nangaluphi na uhlobo ngenxa yokuba bephila nale ntsholongwane.
Oku kukuzama ukumelana neemfuno nezenzo zengqesho ezingenamkhethe njengoko izithe thaca imithetho iLabour Relations Act ne-Employment Equity Act.
YINTONI EKUFUNEKA YENZIWE UKUBA UMNTU OTHILE UYALA UKUSEBENZA, UKUFUNDISA OKANYE UKUFUNDA NOMNTU OPHILA NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
Abafundi, abahlohli kwakunye nabazali kufuneka banikwe ulwazi oluchanekileyo. Oku ke kufuneka kulandeliswe ngenkqubo yeengcebiso, ukuba kuyimfuneko. Le meko kufuneka isonjululwe yinqunun ngoncedo lwequmrhu elilawula eso sikolo ukuba kuyanzeleka.
Umgaqo-nkqubo wentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo wesikolo senu kufuneka uquke le migaqo ilandelayo:
- Ukungaphathwa ngendlela enomkhethe
- Umgaqo-nkqubo Wokwamkela Abafundi
- Uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo
- Ukuthinela ukosuleleka yintsholongwane kaGawulayo
- Ulawulo lwentsholongwane kaGawulauo/kaGawulayo
- Iinkqubo zemfundo ngentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo
- Ukwala ukufunda, ukufundisa okanye ukusebenza nabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo
NGUBANI EKUFUNEKA ABANDAKANYEKE EKUQULUNQWENI KOMGAQO-NKQUBO WESIKOLO?
Iqumrhu elawula isikolo kufuneka iqulunqe ze iphuhlise umgaqo-nkqubo wesikolo sayo ngentsebenziswano nabanye abantu abababdakanyekayo kwimiba yeso sikolo. Oku ke kungenziwa ngokusekwa kweKomiti yeso sikolo Ecebisa Kwimiba Yezempilo. Lo mgaqo-nkqubo awunakungahambelani nemigaqo engundoqo yomgaqo-nkqubo wesizwe futhi kufuneka ijolise ekudaleni isikolo apho abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo baya kuphathwa ngendlela enobulungisa, enobuntu neqinisa imigangatho yobuntu.
UKUZE UFUMANE EZINYE IINKCUKACHA, QHAGAMSHELANA:
neNkqubo Yezakhono Zobomi Yentshongwane kaGawulayo/noGawulayo yeSebe Lemfundo
Umququzeleli Wenkqubo:
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2124
I-email: pfenton@pgwc.gov.za
Nceda utyelele iwebsite yeSebe Lesizwe Lemfundo ukuze ufumane uxwebhu iHIV/AIDS Guidelines for Educators(nghesiNgesi, isiBhulu nesiXhosa) kwakunye ne- National Policy on HIV/AIDS (Act 27 ka-1996)
Ezinye iiwebsites ezinokuba luncedo:
www.redribbon.co.za
www.avert.org
www.lovelife.org.za
www.teenwire.com