Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukunganyamezelani Ezindleleni

Enye indlela yokuqinisekisa ukhuseleko lwakho endleleni kukuqinisekisa ukuba ukuba akungomqhubi ondlongondlongo. Ukuqhuba ngobundlongondlongo kungabangela iingozi yaye kungakhokelela kwiimeko zounganyamezelani ezindleleni.

KUKUTHINI UKUBA NGUMQHUBI ONDLONGONDLONGO?

Ukuba ngumqhubi ondlongondlongo kusoloko kubonakala ngabaqhubi abathabatha imisindo, ukucaphuka kwabo nokungazinzi kwabo bakuse ezindleleni. Ezi ndlela zokuziphatha zingakhokelela kwiintshukumo zongquzulwano nasekuthukaneni nasekulweni kwabahubi. Amaxesha amaninzi ale ndlela yokuqhuba isoloko ineziphum ezimbi nezoyikisayo abandakanya abaqhubi abakukhupha endleleni, abatshintsha iindawo abaqhuba kuzo endleleni ngendlela engakhuselekanga, abaqhuba ngezantya eziphezulu ngokoyikisayo, abalandela basondele kakhulu kwisithuthi sakho, baqhube izibane zendlela zingabavumeli, bangayithobeli imithetho nempawu zendlela. Yongeza ke apho ukungxoliswa kwentsimbi yesithuthi, amazwi avakalayo ukuba anemisindo ekhwaza kusenziwa neempawu ezikrwada kusetyenziswa izandla ze nawe uzifumane ukule mpixano inganobungozi kuwe. Yonke ke le mikhwa yokuqhuba ingakhokelela ekunganyamezelanini endleleni okanye kwiimeko zokunganyamzelani ezikhokelela ekuphathaneni nasekuvaneni amadla kwabaqhubi kusetyenziswa kwa izithuthi ezo ukonzakalisa abanye abaqhubi, ngamanye amaxesha bebanyanzelisa ukuba baphume endleleni.

INDLELA YOKUTHINTELA UKUQHUBA NGOKUNGENANKATHALO

  1. Libala ngeenkathazo zasekhaya okanye zasemsebenzini, jongana nokuqhuba oko. (Kungcono ufike emva kwexesha kodwa usaphila.)
  2. Cwangcisa uhambo lwakho kwangexesha ukunciphisa ukudinwa nokungainzi.
  3. Yiba ngumntu oneengcinga ezintle neziphilisayo.
  4. Dlala umculo. Oku kungakunciphisa ukungazinzi kwakho.
  5. Musa ukuzama ukutshintsha indlela abaziva ngayo abanye abaqhubi: akunakho, ungatshintsha kuphela eyakho.
  6. Hlala uthe qwa! Ze uphole ukuba uthi ufumane ukuhendwa.
  7. Qhuba iminyango yesithuthi sakho itshixiwe yaye ukuba uthi ubone ingxaki musa ukulushiya ukhuseleko lwesithuthi sakho.
  8. Bala ukusukela ku-1 ukuya kwishumi ukuba uqala ukuba nomsindo (eli cebo lidala futhi liyasebenza!)
  9. Musa ukuphindisa ngokuhi ungxolise intsimbi yesithuthi sakho, ngokukhanyisa izibane zakho okanye ngokusebenzisa amalungu omzimba,oku kuya kuyenza mbi kakhulu le meko.
  10. Ukuba ulixhoba lobundlobongela, thatha inombolo-mbhalo yesithuthi eso ze unikezele ingxelo ngeso sehlo emapoliseni.
  11. Qhuba ngenyameko nangenkarthalo ngawo onke amaxesha: shiya isithuba esininzi xa usizayo, sebenzisa rhoqo izixhobo ezichaza oceba ukukwenza xa uqhuba,gcina umsantsa oyimizuzwana emibini phakathi kwesithuthi sakho neso siphambi kwakho yaye musa ukuyisebenzisa naxa kungeyomfuneko intsimbi yesithuthi sakho.

Ukuze ufumane iinkcukacha ngokunganyamezelani ezindleleni, tyelela iwebsite ye-Arrive Alive.

UMTHAMO: Iinyaniso Ngokhuseleko Ezindleleni
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 22 uEpreli 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo