| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Nokuba nesiyezi
Ukudinwa kwabaqhubi kungunobangela weengozi zeenqwelo-mafutha ezingaphaya kwamashumi amabini eepesenti futhi iingozi ezinento yokwenza nokudinwa anamathuba aphinda-phindwe kathathu okudala iingozi zeenqwelo-mafutha ezihlasimlisa umzimba okanye ezinokubulala xa zithelekiswa nezinye iintlobo zeengozi zendlela kuba kaloku xa umqhubi ethi abiwe bubuthongo abazisebambi izithuthi okanye bazame ukuyibaleka loo ngozi.
Qinisekisa rhoqo ukuba ulala ngokwaneleyo ngaphambi kokuthabatha uhambo olude ekunyanzeleke ukuba uqhube kulo.
- Ukuba uziva udiniwe YEKA UKUQHUBA.
- Yima kwindawo ekhuselekileyo - musa ukumisa kwigxalaba lomgaqo. Ukuba ukwihighway, thatha indlela ephumayo elandelayo ze ufumane indawo ekhuselekileyo yokupaka, okanye ke umise kwisikhululo okanye igaraji yeenqwelo-mafutha elandelayo.
- Ukuba kunyanzelekile tsalela umntu ze umxelele ukuba ungafika emva kwexesha olindeleke ngalo.
- Fumana iikopi ezimbalwa zekofu eshoqololo.
- Lala nokuba yimizuzu efikelela kumashumi amabini.
Khumbula:
- Umoya opholileyo nomculo ongxolayo awuyi kukugcina uhleli - la macebo aya kuphucula ukuphaphama kwakho okwethutyana, kodwa ke kwimizuzwana nje engephi uya kubuyela kwela zinga ubukulo lokudinwa.
- Ukuzinikela akuyi kukuthintela ekubeni ubiwe bubuthongo.
- Amathuba amancinci okubiwa bubuthongo awalawuleki futhi awanqandeki, (ukuba udiniwe umzimba wakho uya kusoloko uzifumana ubiwa bubuthongo obuya kuthabatha ukuya kumashumi amathathu emizuzwana).
- Xa udiniwe, uqhathwa yingcinga yokuba uvundle ngaphezu kokuba uvundlile.
UMTHAMO: Iinyaniso Ngokhuseleko Ezindleleni
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 22 uEpreli 2005