| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Amashumi ngamashumi eminyaka uninzi lwabemi boMzantsi Afrika bathi bazifumana bevinjwa okanye benyhashelwa awona malungelo abo angundoqo,malungelo law abequka amalungelo okufikelela kwiinkonzo zononophelo lwempilo. Ukuqinisekisa ukufezekiswa kwelungelo lokufikelela kwiinkonzo zononophelo lwempilo elingqinwa nanguMgaqo-siseko woMzantsi Afrika (onguMthetho wePalamente we-108 ka-1996), iSebe Lezempilo lizinikele ekuphakamiseni, ekuphuliseni nasekukhuseleni eli lungelo yaye liyazingca ngokuUMQULU WAMALUNGELO EZIGULANA njengomgangatho ofanayo nolinganayo wokufikelela ekufezekisweni kweli lungelo.
Lo Mqulu usebenza phantsi kwemiqathango yaw nawuphi na umthetho osebenza apha kwiRiphabliki yoMzantsi Afrika kwanaphantsi kwemiqathango yezimali zeli lizwe.
| Indawo esempilweni nekhuselekileyo Wonke umntu unelungelo lokuphila kwindawo esempilweni nekhuselekileyo eya kuqinisekisa ukuba basempilweni ngokwasemzimbeni ngokwasenyameni nangokwasengqondweni, kuquka nokunikezelwa kwamanzi aneleyo, ucoceko nokulahlwa kwenkukuma ndawonye nokhuseleko kuzo zonke iintlobo zeengozi zeengeozi zendalo engqongileyo, ukonakaliswa nokungcoliswa. | ![]() |
Ukuthatyathwa kwenxaxheba ekwenziweni kwezigiqibo Wonke ummi unelungelo lokuthabatha inxaxheba ekuqulunqweni kwemigaqo-nkqubo yezempilo yaye wonke ubani unelungelo lokuthabatha inxaxheba kwimiba echaphazela impilo yomntu ngamnye. | ![]() |
Ukufikelela kwiinkonzo zononophelo lwempilo Wonke ubani unelungelo lokufikelela kwiinkonzo zononophelo lwempilo eziquka:
|
|
| |
Ulwazi nge-inshorensi yempilo/ngenkqubo yonyango lwempilo Ilungu le-inshorensi yempilo okanye lenkqubo yonyango lwempilo linelungelo lokufikelela kulwazi ngaloo inshorensi okanye loo nkqubo yonyango lwempilo ze acel' umngeni, apho kufuneka khona, kwizigqibo zaloo inshorensi yempilo okanye loo nkqubo yonyango lwempilo ezichaphazela ilungu elo. | ![]() |
Ukuzikhethela inkonzo yonyango lwempilo Wonke ubani unelungelo lokuzikhethela inkampani amakangene kuyo ukuze afumane iinkonzo zonyango lwempilo okanye xa afuna inkonzo ethile yononophelo lwempilo yaye oko kuzikhethela akumelanga kukhabana nemigangatho yaloo nkonzo yaye kufuneka ilandele imigaqo ethile ebekelwe iindlela zokunikezelwa kwale nkonzo. |
|
Kufuneka unyangwe ngumntu okanye inkampani eyaziwayo Wonke ubani unelungelo lokumazi umntu onikezela loo nkonzo yononophelo lwempilo yaye kufuneka anyangwe ngabasebenzi benkonzo yononophelo lempilo abaziwayo. |
|
Ukugcinwa kweenkcukacha zomntu nemfihlakalo Iinkcukacha ngempilo yomntu othile, kuquka nolwazi olubandakanya unyango zingakhutshwa kuphela ngesivumelwano nesigulana eso, ngaphandle kokuba ke oko kudingeka ngokemigaqo yomhtetho othile okanye ngokomyalelo wenkundla. | ![]() |
Imvume Wonke ubani unelungelo lokufumana ulwazi olupheleleyo noluchanekileyo ngesimo sempilo yakhe, imigaqo yogonyo, unyango olusacetywayo kwakunye neendleko zalo, ukuze umntu abe nokufikelela kwisigqibo esichaphazela nawuphi na kule miba ingentla apha. | ![]() |
Ukwala unyango Umntu angala ukunyangwa yaye oko kwala uya kukutsho ngmlomo okanye kubhalwe phantsi kodwa ke oko kwala kufuneka kungabi kanti kubeka esichengeni impilo yabanye abantu. |
|
Ukuthunyelwa kuluvo lwesibini Wonke ubani unelungelo lokuthunyelwa kwenye iklinikhi ukuze afumane uluvo lwesibini xa athe wacela kuloo mntu okanye kwelo ziko lononophelo lwempilo alithandayo.
| ![]() |
Ukuqhubekeka konyango Akukho mntu uya kuyekwa nje egula anganyangwa ngumsebenzi wecandelo lononophelo lwempilo okanye yinkonzo yonyango ebiqale yaluthathela kuyo uxanduva ngeenjongo zokumnika unyango. |
|
Khalaza ngeenkonzo zonyango lwempilo Wonke ubani unelungelo lokufaka isikhalazo ngeenkonzo zononophelo lwempilo yaye kufuneka ezo zikhalazo ziphandwe futhi kufuneka afumane ingxelo epheleleyo ngolo phando.
| ![]() |
- ukwazisa iziko elo lononophelo lwempilo ngeminqweno yakhe xa anokufa.
- kufuneka aathobele unayngo alunikwayo okanye iinkqubo zeengcebiso neentuthuzelo.
- ukubuza ngeendleko zonyango lwakhe kwakunye/okanye iingcebiso ze enze namalungiselelo entlawulo.
- agcine kuye iimpepha zononophelo lwempilo yakhe.
- ukunonophela impilo yakhe
- ukunonophela nokukhusela indalo engqongileyo.
- ukuthobela amalungelo ezinye izigulana kwakunye namaziko ononophelo lwempilo.
- ukusebenzisa inkonzo yononophelo lwempilo ngendela eyiyo futhi angayibhoxi.
- azi amaziko ononophelo lwempilo asebenza kwingingqi ahlala kuyo nokuba anikezela ngaziphi na iinkonzo.
- ukunika amaziko ononophelo lwempilo iinkcukacha eizizidingayo nezichanekileyo ngeenjongo zokugonya, ukunyanga, ukunikezela iingcebiso nokuthuthuzela.







