| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Khusela Impilo Yakho: iPap Smear
ISISHWANKATHELO
WONKE UMNTU WASETYHINI ONGAPHEZU KWAMASHUMI AMATHATHU EMINYAKA UBUDALA KUFUNEKA EVAVANYELWE AMATHUMBA AKHULA KUMNYANGO WESIBELEKO
WONKE UMNTU WASETYHINI KUFUNEKA ELUFUMENE UVAVANYO LWE-PAP SMEAR
Yintoni Uvavanyo Lwamathumba Akhula Kumnyango Wesibeleko?
- Uvavanyo lwamathumba akhula kumnyango wesibeleko lubizwa ngokuba yipap smear ngesiNgesi. Ipap smear kukuhlolwa okulula nokukhawulezileyo kukasisi ngaphantsi ukukhangela ukuba umlomo wesibeleko sakhe usesempilweni na.
- Isixhobo esikhethekileyo esibizwa ngokuba si-speculum sisestyenziselwa ukubamba umphantsi kasisi uvulekile ukuze ugqirha okanye umongikazi akwazi ukuwubona lo mnyango wesibeleko.
- Ezinye iiseli zisuswa kakuhle apha kumlomo wesibeleko ze zithunyelwe kwindlwana yophando lwenzululwazi ukuze zivavanywe.
- Iziphumo zolu vavanyo ziya kuthunyelwa kwiklinikhi yakho ngoko ke khumbula ukubuyela kuyo ukuze uzifumane.
Ipap smear ikhangela iiseli ezingaqhelekanga ezinokuthi ekuhambeni kwexesha zibe nguMhlaza Wesibeleko.
Yintoni uMhlaza Womlomo Wesibeleko?
- UMhlaza Womlomo Wesibeleko luhlobo lomhlaza oluxhaphake kakhulu kubantu basetyhini.
- UMhlaza Womlomo Wesibeleko xa uthi ukhangelwe kuselithuba unganyangwa ze uphile.
- Bonke abantu basetyhini basemngciphekweni wokuhlaselwa ngumhlaza womlomo wesibeleko.
- Umngcipheko wokuhlaselwa ngumhlaza womlomo wesibeleko uyakhula njengokuba nawe ukhula nje.
- Usesemngciphekweni nokuba:
- awukho mninzi ekwabelaneni ngesondo
- uyeka ukuba sexesheni ngenxa yobudala sele wayeka ukuba sexesheni ngenxa yobudala
- awusenazinjongo zakuphinda ufumane bantwana
- wazikhupha isibeleko, awusenakufumana bantwana
- akubonisi zimpawu.
- Kufuneka ulwenze uvavanyo lwepap smear ubuncinci rhoqo emva kweshumi leminyaka,uqale xa ukwiminyaka yamashumi amathathu ubudala.
- Kufuneka ufumane iimvavanyo ezintathu EZISIMAHLA zepap smear, lube lunye xa ukwiminyaka yamashumi amathathu ubudala, lube lunye xa ukwiminyaka yamashumi amane ze ufumane olokugqibela xa ukwiminyaka yamashumi amahlanu ubudala.
- Ezi mvavanyo ZISIMAHLA zepap smear ziyafumaneka kwiklinikhi ekufutshane nawe okanye kwiziko lakho lezempilo.
Unelungelo:
- iimvavanyo ezintathu nezisimahla zepap smear ebomini bakho, lube lunye rhoqo emva kweshumi leminyaka, uqale xa ukwiminyaka yamashumi amathathu.
- lokunyangwa ngesidima, intlonipho kwanemfihlelo xa usiya kuvavanyo lwakho lwepap smear.
- lokucela umntu okanye iziko elikubonelela ngeenkonzo zempilo ukuba likucacisele ngenkqubo yolo vavanyo.
- Kufuneka ulwamkele uxanduva lokujongana nempilo yakho.
- Kufuneka ubuyele iziphumo zovavanyo lwepap smear.
- Kufuneka uye kulo naluphi na unyango olulandela olo vavanyo ukuba ucetyiswe ukuba wenze njalo.
- Kufuneka unikezele ngeenkcukacha zakho zonxibelelwano ezinyanisekileyo ukuze ube nokufumaneka xa udinga unyango olongeziweyo.
Olu lulwazi oluthatyathwe kwiphetshana eliveliswe njengengxenye yeCervical Health Implementation Programme (CHIP).
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uFebruwari 2006