Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ngesantya Esiphakamileyo

Ukuqhuba ngesantya esiphakamileyo kuthatyathwa njengenye yezona ziinto zingunobangela wazo zonke iintshukumo zongquzulwano lwezithuthi eziphantse zifikelele kwisinye esithathwini nezinobuzaza. Kungoko ke kubalulekile ukuba abaqhubi bayithobele imithetho elawula isantya ezindleleni.

ATHINI AMAZINGA ESANTYA AMKELEKILEYO EMZANTSI AFRIKA?

Nazi izantya ezivumelekileyo neziqhelekileyo:

  • 60 km/h kumgaqo kawonke-wonke kwingingqi esedolophini
  • 100 km/h kumgaqo kawonke-wonke ngaphandle kwengingqi esedolophini engeyiyo ifreeway; ze sibe
  • yi-120 km/h kuyo nayiphi na ifreeway.

Iintlobo ezithile zezithuthi kufuneka zithobele imithetho yesantya esingaphantsi kwesantya esivumelekileyo nesiqhelekileyo, umzekelo:

  • Izithuthi ezithwala imithwalo ezinamandla okuthwala imithwalo engaphaya kweetoni ezilithoba kufuneka ziqhutywe ngesantya esingaphantsi kwama-80 km/h
  • Iiteletele neenqwelo ezirhuqwayo ezithile okanye ke izithuthi ezihlangeneyo nazo azinakho ukuqhutywa ngesantya esivumelekileyo esingama-35 km/h and 15 km/h based on their braking capabilities.
  • Izithuthi ezithile (iikhumbi, ooduladula kwakunye nezithuthi zemithwalo) kufuneka zisoloko zithobela imithetho elawula izantya ezisekelwe kwiintlobo ezithile zamatayala.

Iimpawu zezithuthi ezisezindleleni zingayibeka nemithetho yezantya ezivumelekileyo ezinokuba ngaphantsi okanye ngaphezu kwezantya erzamkelekileyo.

KUTHENI UKUQHUBA ESIPHAKAMILEYO KUYINGOZI NJE?

Ukuqhuba ngesantya esiphakame kakhulu kuyingozi ngoba kaloku

  • Amathuba okutshayisa ngobungozi oboyikekayo izinto (ezinye izithuthi, abahambi ngeenyawo ezindleleni, njalo-njalo).
  • Ukusebenza kwezixhobo zokhuseleko ezifana neengxowa ezinomoya namabhanti okhuseleko kuya kucutheke kakhulu kwisantya esiphakamileyo.
  • Kunzima kakhulu ukuthintela ingozi ukuba uqhuba ngesantya esiphakamileyo.
  • Isantya esiphakamileyo siwasebenzisa kabuhlungu amatayala neziqhoboshi, nto leyo ke eyandisa amathuba okuna semngciphekweni nokungaphumeleli kwezi zixhobo. Oku kuthi ke kwandise amathuba okuba sengozini.
  • Kunzima ukuqhuba ebusuku kunasemini, umqhubiakaboni kakuhle futhi akaziboni ezinye iindawo ezisemacaleni.

Ungazifumana ezinye iinkcukacha ngokuqhuba ngesantya, kwi-website ye-Arrive Alive.

Ukuqhuba Ebusuku

Ukuqhuba kunzima kakhulu futhi kunobungozi kunokuqhuba emini ubunzulu bokuqhuba kwakho, ukubona imibala kwanokubona kwiindawo ezisemacaleni kuyalahleka emva kokuphela kwelanga. Abantu abasele bekhulile ingakumbi bakufumana kunzima kakhulu ukuqhuba ebusuku.

Ukukunceda uqinisekise ukuba uqhuba ukhuselekile ebusuku:

  • Qinisekisa ukuba zonke izibane zakho ziyasebenza futhi zicocekile (izibane zentloko, izibane zangemva kwakunye nezibane zokuchaza okza kwenza). Jonga kwakhona ukuba iifestile zakho zicocekile na.
  • Qinisekisa ukuba izibane zakho zangaphambili zijonge kwindawo eyiyo apha endleleni - izibane zangaphambili ezingajonganga kwindawo eyiyo zingabamfama abanye abaqhubi ze zinciphise namathuba akho okubona umgaqo.
  • Musa ukuqhuba uphantsi kweempmbelelo zotywala! Gaphezu kokuba busonakalisa amandla akho, utywala bukwenza ulale.
  • Musa ukutshata xa uqhuba - inicotine nomoya omdaka ophuma kweli cuba konakalisa indlela obona ngayo ebusuku.
  • Khanyisa izibane zakho zangaphambili ngorhatya - loo nto yenza ukuba kube lula ukubonakala kubanye abantu.
  • Nciphisa isantya sakho ze unyuse imisantsa yokulandela kwakho ezinye izithuthi
  • Qhuba kangangokuba ungakwazi ukumisa kwingingqi izibane zakho ezikhanyise kuyo.
  • Gcina izibane zakho zangaphambili zikhanyiswe kancinci xa kukho ezinye izithuthi phambikwakho okanye zisiza ngakuwe.
  • Musa ukuzivumela uphandlwe zizibane zezinye izithuthi - kwimeko enje unokusuka ujonge ecaleni kwendlela, ujonge ngaphambili kwicala lezithuthi eziza ngaphambili.
  • Misa rhoqo umana ukwalula imilenze yakho. Ukuba uthi udinwe, misa ze uphumle.
  • Ukuba uba nengxaki nesithuthi ebusuku, phuma endleleni kangangoko unakho ze ukhanyise nezibane zakho ezichaza ukuba usesengxakini.

Qwalasela amacebiso okhuseleko ebusuku ngoko nangoko emva kokuza korhatya. Ukuza korhatya lelinye lawona maxesha anzima ekuqhubeni, kuba kaloku amehlo atshintsha rhoqo ukuzama ukumelana nobumnyama obukhulayo.

Isantya Esiphakamileyo

Ukuqhuba ngesantya esiphakamileyo kuthatyathwa njengenye yezona ziinto zingunobangela wazo zonke iintshukumo zongquzulwano lwezithuthi eziphantse zifikelele kwisinye esithathwini nezinobuzaza. Kungoko ke kubalulekile ukuba abaqhubi bayithobele imithetho elawula isantya ezindleleni.

ATHINI AMAZINGA ESANTYA AMKELEKILEYO EMZANTSI AFRIKA?

Nazi izantya ezivumelekileyo neziqhelekileyo:

  • 60 km/h kumgaqo kawonke-wonke kwingingqi esedolophini
  • 100 km/h kumgaqo kawonke-wonke ngaphandle kwengingqi esedolophini engeyiyo ifreeway; ze sibe
  • yi-120 km/h kuyo nayiphi na ifreeway.

Iintlobo ezithile zezithuthi kufuneka zithobele imithetho yesantya esingaphantsi kwesantya esivumelekileyo nesiqhelekileyo, umzekelo:

  • Izithuthi ezithwala imithwalo ezinamandla okuthwala imithwalo engaphaya kweetoni ezilithoba kufuneka ziqhutywe ngesantya esingaphantsi kwama-80 km/h
  • Iiteletele neenqwelo ezirhuqwayo ezithile okanye ke izithuthi ezihlangeneyo nazo azinakho ukuqhutywa ngesantya esivumelekileyo esingama-35 km/h and 15 km/h based on their braking capabilities.
  • Izithuthi ezithile (iikhumbi, ooduladula kwakunye nezithuthi zemithwalo) kufuneka zisoloko zithobela imithetho elawula izantya ezisekelwe kwiintlobo ezithile zamatayala.

Iimpawu zezithuthi ezisezindleleni zingayibeka nemithetho yezantya ezivumelekileyo ezinokuba ngaphantsi okanye ngaphezu kwezantya erzamkelekileyo.

KUTHENI UKUQHUBA ESIPHAKAMILEYO KUYINGOZI NJE?

Ukuqhuba ngesantya esiphakame kakhulu kuyingozi ngoba kaloku

  • Amathuba okutshayisa ngobungozi oboyikekayo izinto (ezinye izithuthi, abahambi ngeenyawo ezindleleni, njalo-njalo).
  • Ukusebenza kwezixhobo zokhuseleko ezifana neengxowa ezinomoya namabhanti okhuseleko kuya kucutheke kakhulu kwisantya esiphakamileyo.
  • Kunzima kakhulu ukuthintela ingozi ukuba uqhuba ngesantya esiphakamileyo.
  • Isantya esiphakamileyo siwasebenzisa kabuhlungu amatayala neziqhoboshi, nto leyo ke eyandisa amathuba okuna semngciphekweni nokungaphumeleli kwezi zixhobo. Oku kuthi ke kwandise amathuba okuba sengozini.
  • It is more difficult to drive at high speed. The driver has a reduced visual field and restricted peripheral vision.

Ungazifumana ezinye iinkcukacha ngokuqhuba ngesantya kwiwebsite ye-Arrive Alive.

UMTHAMO: Iinyaniso Ngokhuseleko Ezindleleni
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 22 uEpreli 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo