Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukuqhuba uphantsi Kweempembelelo Zotywala

Utywala budlala indima enkulu kwiingozi ezininzi zendlela eMzantsi Afrika, idlala indima kwiingozi ezimalunga nesiqingatha sazo zonke iingozi zendlela ezithi zisube imiphefumlo yabantu.

Ukuba usele kakhulu, musa ukuziqhubela xa ugodukayo:

  • Sebenzisa itaxi okanye olunye uhlobo lwesithuthi sikawonke-wonke ukugduka.
  • Cela umntu obengaseli ukuba akuqhubele ugoduke
  • Hlala apho ukhoyo ze ugoduke ngosuku olulandelayo.

LITHINI IZINGA ELMKELEKILE LOTYWALA EMZIMBENI?

Ungakwazi ukuqhuba isithuthi kwindlela kawonke-wonke ukuba izinga lotywala obusegazini lakho lingaphezu kwe-0,05 gram ngekhulu ngalinye leemililitha.

UNGASELA KANGAKANANI PHAMBI KOKUBA UGQITHISE KWIZINGA ELAMKELEKILEYO LOTYWALA EMZIMBENI?

Akukho mpendulo ilula enokukuxelela ukuba kufuneka usele kangakanani na ukuze ube kanti usesethubeni lokuqhuba kakuhle! Izinga lotywala egazini lakho lwenziwa luthotho lwemiba futhi loo miba yahluka ngokwabantu. Impembelelo yotywala ebantwini nayo yahlukile. Ngokuphangaleleyo, eyona mpendulo ingcono kukuba "Musa Ukusela Uphantsi Kweempembelelo Zotywala".

Eminye yemiba echaphazela izinga lotywala egazini lakho iquka uhlobo lotywala obubusela, ukuba buninzi kangakanani na, ukuba ubukhe wasifumana na esinye isiselo esingebotywala, ukuba ubutye ntoni na, ukuba uwatyile na amayeza akho, ubushushu beziselo zotywala obuselileyo, njalo-njalo.

Xa kwakusenziwa iimvavanyo, bonke ababethabatha inxaxheba (amadoda nabafazi) balidlulile izinga elibekwe ngumthetho emva kweebhiya ezimbini.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ezithe vetshe ngokuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala, cofa apha.

Ukuze ufumane amazinga otywala avumeleke kubuni bakho, ubunzima bakho, njalo-njalo, tyelela isixhobo sokuvavanya izinga lotywala emzimbeni.

UMTHAMO: Iinyaniso Ngokhuseleko Ezindleleni
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 22 uEpreli 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo