| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
|
|
UNGAYIGCWALISA NJANI ITHENDA OKANYE ISICELO SOKWENZA UMSEBENZI?
Isibhengezo sethenda okanye sesicelo sokwenza umsebenzi ngalunye sichaza ukuba ungazilanda phi iimpepha oya kuzidinga ze uzigcwalise ungenise ithenda yakho, nalapho kufuneka ingeniswe khona. Isibhxhoezo eso sikwachaza nosuku lokuvalwa kweethenda. Eli xesha lokuvalwa liluqilima kakhulu - oko ke kukuthi akukho zithenda zifika emva kwexesha ziya kwamkelwa. Ithenda okanye isicelo sokwenza umsebenzi kufuneka zibe zibhalwe phantsi. Ithenda nganye inothotho lwamaphetshana ezicelo, afanele oko ekufuneka ekhaphe ithenda oyingenisayo. Amaphetshana ezicelo aqingqiweyo owadingayo xa usenza ithenda kufuneka adweliswe kuluhlu kwiimpepha zethenda. Kufuneka uyiqwalasele ngononophelo olukhulu indlela owagcwalisa ngayo la maphetshana. Fumana ingcebiso ukuba kukho nantoni na ongaqinisekanga ngayo. Xa sele uwagcwalisile ze wawatyikitya onke amaphetshana ezicelo, faka ithenda yakho kwimvulophu enenombolo yethenda leyo ze uyithumele ngaphambi komhla wokuvalwa kwindawo echazwe kwisibhxhoezo saoo thenda. AMAPHETSHANA EZICELO ZETHENDA OKANYE ISICELO SOKWENZA UMSEENZI
Amaphetshana Ezicelo Zeethenda Zesizwe Nezamaphondo kwaneeMpepha Zezicelo Zokwenza Imisebenzi Ithenda okanye isicelo sokwenza umsebenzi ngasinye sinothotho lwamaphetshana ezicelo afanele oko, ekufuneka ekhaphe ithenda oyingenisayo. Ezi ke zazisakwaziwa 'njxhoamaphetshana ezicelo zeethenda' yaye ngoku aziwa njxhoeempepha zezicelo zokwenza imisebenzi'. Ezi mpepha zezezi zicelo zinesimaphambili u-SBD kwiimpepha zezicelo zesizwe nezamaphondo ngokulandelelana kwazo. (Ngapmbili, kwinqanaba lesizwe, amaphetshana ezicelo zeethenda ayesakuba nesimaphambili u-"ST" (esimele u-"state tender"), ngelixa eNtshona Koloni ayenesimaphambili u-"KST" (esimele u-"Kaap state tender"). Usenakho ukuwafumana onke loo maphetshana ezicelo zeethenda anesimaphambili u-'ST' apha. ) La maphetshana aqhele ukufuna kwiithenda zesizwe nezamaphondo (ngaphandle kweethenda zolwakhiwo zamaphondo) oku kulandelayo:
Kusenokubakho amanye amaphetshana ezicelo ekufuneka egcwalisiwe kwithenda okanye isicelo sokwenza loo msebenzi Ezi kufuneka zibandakanywe kumaphepha ethenda okanye esicelo osifumanayo. Kusenjalo, ipasile yethenda okanye yesicelo sokwenza umsebenzi esiqhelekileyo iya kuba nala maphepha:
Iimeko eziphangaleleyo zesivumelwano-mbophelelo Iimeko eziphangaleleyo zesivumelwano-mbophelelo - Isihlomelo A - GCC (esilingana nala ST / KST 36 yakudala). Oku kumema inyameko eyodwa kwiimeko ezithile ezikho kwizibhengezo zokwenza loo misebenzi ithile, izivumelwano-mbophelelo kwanemiyalelo karhulumente; yaye kuqinisekisa ukuba abathengi bayaqhelana namalungelo nezibophelelo zabo bonke abachaphazeleka ekushishineni norhulumente. Amaphetshana ezicelo Zokwakha kwiPhondo leNtshona Koloni Kwiithenda ezinento yokwenza nokwakhiwa kwiphondo amaphetshana ezicelo zethenda aqhelekileyo anokwahluka kancinci: amaphetshana ezicelo zesicelo "sokwenza umsebenzi" amatsha ase kwinkqubo yokwakhiwa ngonyaka ka-2004:
Kwakhona, kusenokubakho amanye amaphetashana ezicelo ekufuneka uwagcwalisile, aya kubandakanywa kumaphepha ethenda. Amaphetshana ezicelo zeethenda okanye zesicelo sokwenza loo msebenzi karhulumente wedolophu Kumgangatho wedolophu, ibhunga ngalinye linokuba namaphetshana alo ezicelo, ekufuneka ubuze ngawo ngqo. INDLELA EZINIKEZELWA NGAYO IITHENDA OKANYE IZICELO ZOKWENZA IMISEBENZI
Iphepha iSBD / WCBD 6.1 licacisa indlela ekuthathwa ngayo izigqibo ngeethenda okanye Izicelo zokwenza imisebenzi. I-WCBD ithi:
Okuthethwa koku ngokuphandle, koku kulandelayo: Emva kosuku lokuvalwa, kwenziwa uphendlo kuzo zonke iithenda ezifakiweyo ukubona ukuba ziyazihlonela izidingo ezisesikweni. Umzekelo, ukuba akulichazanga ixabiso, ithenda yakho iya kulahlelwa ngaphandle. Iimpazamo okanye ukushiya izinto ebekufuneka uzenzile okanye uzifakile ezincinci aziyi kukhokelela ekukhutshelweni kwakho ngaphandle kwinkqubo yethenda; lo ngumbuzo wokutolikwa kwemithetho yeethenda. Umzekelo, ukuba imithetho ithi "ungakhuthelwa ngaphandle" endaweni yokuba ithi "kufuneka ukhutshelwe ngaphandle" ngempazamo ethile, kuxhomekeke kwigosa elenza olo phendlo ukuthatha isigqibo sokuba loo mpazamo ibaluleke kuloo thenda kangangokuba lingakukhuphela ngaphandle kwale nkqubo. Inqanaba elilandelayo lijonga ukuba imveliso okanye inkonzo leyo iyayithobela imithetho yale thenda, nexabiso. Ezo zingayithobeliyo imithetho ziyakhutshwa kuluhlu olo, ngelixa zonke eziyithobelayo imithetho zidweliswa ngokwamaxabiso. Ezo ziwa kwiqela elinawona maxabiso aphantsi aqwalaselwa kuluhlu kwiqela lawona maxabiso aphantsi. Kukweli nqanaba ke apho amanqaku okubekwa phambili aqala khona ukubala. Onke amanqaku okubekwa phambili afakelwe ibango ngabo bakuluhlu lweqela leethenda ezinawona maxabiso aphantsi. Indlela yesiqhelo iyenziwa ukubona ukuba ngoobani kwinqanaba elinawona maxabiso aphantsi abanamanqaku aqinisekisekayo abaphuma nezona ziphumo zintle ngokwamanqaku, futhi ngubani ke omakanikwe loo thenda. Ngamanye amazwi, amanqaku okubekwa phambili asebenza kuphela emva kokuba ezona thenda zibiza imali enkulu zikhutshiwe kuluhlu. Oku kukuqinisekisa ukuba ezona thenda zibiza kakhulu aziphumeleli ngamanqaku kuphela, kwanokukhawulezisa inkqubo le njxhooko abo bakuluhlu lwawona maxabiso aphantsi benamanqaku asele eqinisekisiwe. I-Bulletin yeeThenda ibonisa ukuba iithenda ezingaphambili ziphunyelelwe ngubani, idwelisa ixabiso neminye imiba ethathelwe ingqalelo xa bekunikezlwa ngethenda. |