| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
|
|
URhulumente unomgaqo-nkqubo wokunikezela ngeethenda oqwalasela imiba ethile. Oku kuthetha ukuba urhulumente unika ingqwalasela imiba engelilo ixabiso xa anikezela ngethenda. Le miba iqwalaselwa ngokohlobo lwamanqaku. Ukuba ufuna ukwenza olu hlobo lokunikezelwa kweethenda ngokwamanqaku likusebenzele, kufuneka ugcwalise amaphetshana ezicelo alungele oko.
Umthetho iPrefential Procurement Policy Act ithi thaca umgaqo-nkqubo ophangaleleyo omawulandelwe xa kudalwa umgaqo-nkqubo wokukhetha abantu namashishini athile emawanikwe amathuba okushishina norhulumente. Amaqumrhu karhulumente alawulwa ngulo mgaqo-nkqubo futhi umgaqo-nkqubo wokukhetha abantu namashishini athile aza kushishina norhulumente wenziwe ngokwemigaqo yalo mthetho. Umthetho i-Public Financial Management Act uveza eminye imimiselo embaxa ekufuneka urhulumente eyilandele xa enikezela ngeethenda, futhi ekufuneka ifundwe ngokungqamene nale mimiselo. KWISIZWE
Kumgangatho wesizwe, imiba eqwalaselwayo ekunikezeleni ngeethenda ibandakanya:
KUMAPHONDO
Uhlobo lokuqwalasela izicelo zeethenda ngokwamanqaku ziyachazwa kwiphetshana lesicelo i-WCBD 6.1 ekufuneka ligcwalisiwe. (Jonga ukuba iithenda zinikezelwa njani.) Kwiithenda ezixabisa ngaphantsi kwama-R500 000, indlela yamanqaku engu-"80/20" iye isetyenziswe. (Oko ke kuthetha ukuba iithenda ziqwalaselwa ama-80% ngokwexabiso ze ibe ngama-20% amanqaku ngemiba efana nokuba umntu lowo ufaka isicelo wayesakusengelwa phantsi ngokwamalungelo ngaphambili, nokuba umnini weshishini elifaka isicelo engowasetyhini, njalo-njalo). Kwiithenda ezixabisa ngaphezu kwama-R500 000, indlela yokuqwalasela engu-"90/10" iyasetyenziswa. Ayiyiyo yonke imiba eya kuqwalaselwa kuso sonke isicelo sethenda. Iimpepha zethenda kufuneka ziyichaze imiba eqwalaselwayo kwithenda yakho. Le miba, kwakunye neempepha zokufaka isicelo eso, zibizwa ngokuba zii- "WCBD" kukuba:
KWIIDOLOPHU Icandelo ngalinye likarhulumente wedolophu linomgaqo-nkqubo walo wokunikezela ngeethenda. Umgaqo-nkqubo wokunikezelwa kweethenda weSixeko saseKapa ulapha. |