Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
ISIXEKO SASEKAPA: UBUME

I-Unicity yaseKapa yindawo enkulu nenabantu abaninzi kananjalo abantu baxakeke kakhulu, kukwakho nohambiso lweempahla nokwenziwa kweenkonzo kanti zikwakho neendawo zoshishino eziliqela kwaneendawo ezinemizi-mveliso. Imele amaziko ezoqoqosho kwaneendawo ezahlukeneyo zoqoqosho, indawo ezizodwa apho kufuneka isicwangciso esihlanganisiweyo sophuhliso nekukho uxhomekeko olumandla phakathi kwamakhonkco ezentlalo nezoqoqosho kunye neeyunithi ezisebenzisana nazo. I-Unicity yaseKapa ibandakanya iSixeko saseKapa, neBhunga leMetropolitan Council, iBlaauwberg, iKapa, iHelderberg, i-Oostenberg, iSouth Peninsula neTygerberg.


IWEBSITE: www.capetown.gov.za
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uAgasti 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo