Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
UMASPALA WENGINGQI YEKNYSNA: UBUME

Photographs copyright South African Tourism

UMasipala weNgingqi yaseKnysna obandakanya iRheenendal, iBelvidere Estate, iKnysna, iSedgefield, iBrenton neKnoetzie.

Fumana okunye ngeenkonzo ezingundoqo ezinikezelwa nguMaspala waseKnysna okanye ufumanise ngamaziko kamaspala afumanekayo.

AMAGUNYA OOMASPALA

OoMasipala beNqila banikwe umyalelo wokuba bajongane:

  • Ukuwisa imithetho yoomaspala (imithetho nemimiselo yezixeko) ngayo nayiphi na imisebenzi abanoxanduva lwayo. Imithetho yoomaspala ayinakungquzulana nayiphi na imithetho kazwe-lonke.
  • Ukuphucula uhlahlo lwabiwo-mali nezicwangciso zophuhliso. Minyaka le uHlahlo Lwabiwo-mali kufuneka luwisiwe, luchaze ukuba imali iza kuvela ze isetyenziswe njani. Umaspala ngamnye kufuneka aphucule esakhe iSicwangciso Sophuhliso Oluhlanganyelweyo (IDP).
  • Ukukhupha iintlawulo zeenkonzo nezinye iirhafu, umzekelo: irhafu yezakhiwo.
  • Ukuhupha iintlawulo zeenkonzo ngokusetyenziswa kweenkonzo zikamaspala ezifana namanzi, umbane namathala eencwadi.
  • Ukukhupha iintlawulo kubantu abaphula imithetho yoomaspala, umzekelo: iintlawulo zezothutho okanye iintlawulo zokungcolisa ngokulahla inkukuma apho kungafanelanga.
  • Ukuboleka imali. Ibhunga lingaboleka imali kuba lifuna ukwenza umsebenzi wophuhliso okanye omnye nje umsebenzi yaye livumelekile ukuba linikezele ngempahla kamaspala njengesiqinisekiso sokuba liya kuyihlawula loo mali.

IMISEBENZI KAMASPALA

UMgaqo-siseko unikezela ngezi ntlobo zoxanduva koomaspala:

  • ukuziswa kwenkonzo yombane
  • amanzi asetyenziswa emizini
  • ilindle nendawo ecocekileyo
  • uziso manzi
  • ukuthuthwa kwelindle
  • iinkonzo zokucima umililo
  • iinkonzo zempilo zomasipala
  • izigqibo malunga nemihlaba
  • iindlela zengingqi
  • izithuthi zorhulumente wengingqi
  • ushishino lwasezitratweni
  • izilarha kwaneemalike ezithengisa ukutya okutsha
  • iipaki neendawo zolonwabo
  • amathala eencwadi namanye amaziko oluntu
  • ukhenketho lwakweli


Photographs copyright South African Tourism
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 18 uAgasti 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo