Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
AMAZIKO ERED DOOR ANIKEZELA NGEENGCEBISO KUMASHISHINI ASAKHASAYO, AKHULAYO NAMAKHULU: UBUME
red door logo collage of business images
INYATHELO LE-REAL ENTERPRISE DEVELOPMENT (iRED) 
rounded corner
EZIPHAMBILI
rounded corner
 


21 - 23 kweyeThupha ku-2008

Iveki Yamashishini Asakhasayo


 
     
rounded corner
AMAZIKO ANIKEZELA IINGCEBISO ERED DOOR
rounded corner

 
     
rounded corner
IZIXHOBO ZEENGCEBISO KUMASHISHINI ASAKHASAYO ESIFUMANEKA KWI-INTERNET
rounded corner
 
Iphulo iRED Door linyathelo lecandelo elilawula amashishini asakhasayo, asakhulayo nakhulileyo elikwiSebe Lophuhliso Loqoqosho Nezokhenketho. Eli candelo ke lijolise ekuphuculeni ekuphakamiseni uphuhliso lwamashishini asakhasayo kunye/okanye amashishini aphantsi kwabanini abamnyama.

YINTONI LE RED DOOR?

iRED Door le liziko elikukuphela kwalo apho amashishini amatsha nanexesha ekho afuna uncedo neengcebiso, ukusukela kwezona zingcebiso zingundoqo ukuya kwezo zikowona mgangatho uphezulu. Sijolise:

  • Ekuncediseni ekusekweni kwamashishini amatsha kumacandelo onke;
  • Ekuncediseni kwiinzame zokomelezwa kwamashishini asele ekho; ze
  • Ekwandiseni amashishini aphantsi kwabanini abamnyama.

Kulula ukufikelela kumaziko eRED Door kwiindawo ezininzi ezinkulu needolophu ezilapha eNtshona Koloni. Sithetha isiNgesi, isiAfrikaans nesiXhosa yaye abasebenzi bethu abaziingcali kulo mcimbi nabanobubele bayakusebenzisana kakuhle nawe ekuhlalutyeni iimfuno zakho zoshishino ze bakuncede uqulunqe isicwangciso soshishino ezihambelana neemfuno zeshishini lakho elo.

INGAKUNCEDA NJANI WENA LE RED Door

Singakuncedisa:

  • Ekubhaleni isicwangciso sakho soshishino
  • Ekuchongeni nasekulungiseni iimpazamo zeshishini
  • Ekufikeleleni kwinkxaso-mali
  • Ekufumaneni inkxaso kumaziko esisebenzisana nawo anikezela ngeenkonzo zeengcebiso noncedo kumashishini
  • Ekufumaneni abaphicothi-zincwadi namagqwetha
  • Ekuphuculeni izakhono zokuqhuba ishishini
  • Ekufundeni iindlela zokufaka izicelo zeethenda ngendlela eza nempumelelo
  • Ekufumaniseni ngezibonelelo onokuzifumana kurhulumente
  • Ekufumaniseni izinto ezibalulekileyo ngobudlelwane nabathengi, ukuzazisa nophando
  • Ekufundeni iindlela zokuthenga iimveliso zamanye amazwe kwanokuthengisela amanye amazwe

Sikwanikezela nangeenkonzo ezifana:

  • nokufikelela kwi-internet
  • amagumbi amancinci okubambela iingqungquthela
  • ukufikelela ngalo lonke ixesha kubacebisi
  • neenkqubo zokuxhobisa ulutsha, amakhosikazi, amafama asakhasayo kwakunye nabantu abakhubazekileyo ngezakhono zokuba ngabanini bamashishini.

ISIXHOBO SONCEDO NGEENGCEBISO KUMASHISHINI AMANCINCI ESIFUMANEKA KWI-INTERNET

  1. Isikhokelo Esikunceda Uqalise Ishishini Elilelakho
  2. Inkxaso Kumashishini Asakhasayo
  3. Imibutho Yentsebenziswano Kushishino
  4. Indlela Yokufaka Isicelo Kwiithenda Zaseburhulumenteni

IMVELAPHI NENJONGO YERED Door

Kumazwe amaninzi ehlabathi, amashishini amancinci anegalelo elikhulu kuqoqosho lwelizwe. Kumazwe ahlumileyo amashishini amancinci agalela ku-60% kuqoqosho lwelizwe; apha eMzantsi Afrika, amashishini amancinci anegalelo elingama-35% kuphela kuqoqosho lwelizwe. Esinye sezizathu zoku ke xa uthelekiswa namanye amazwe asakhulayo njengawo afana neBrazil, ne-India, izinga lokuphumelela kwamashishini amancinci eMzantsi Afrika belisokolo lisezantsi. Ngokunjalo nezinga lokukhula kwabanini-mashishini.

Iinkonzo zenkxaso kumashishini zidingeka kakhulu; kodwa ke kwixesha elingaphambili, ezi nkonzo bezisoloko zingahlangenanga. Iingingqi ezithile bezinikezelwa kakhulu ezi nkonzo ngelixa kwezinye, ingakumbi kwiingingqi ezisemaphandleni, zazingekho konke-konke. Amaziko eRED Door asekelwe ukujongana ezi nkonzo zenkxaso kwanokuqinisekisa ukuba zifikeleleka lula, xa zidingeka nalapho zidingeka khona.

Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uFebruwari 2010
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo