Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
IINKONZO ZAMATHALA EENCWADI NEZOOVIMBA-MPEPHA: UBUME
 
     
FUMANA ITHALA LEENCWADI ELIKUFUTSHANE NENDAWO OHLALA KUYO>
     
rounded corner
AMAGQABANTSHINTSHI
rounded corner
 
uMaspala wasePrince Albert, owaseSaldanha Bay nowaseKnysna baza kufumana inkxaso-mali yokwakha nokuphucula amathala eencwadi kunyaka-mali ka-2005/2006.

iNkonzo Yamathala Eencwadi eli Phondo lincedisa amathala eencwadi eli phondo ekunikezeleni ngeenkonzo kuluntu lweli phondo ngokubanzi.

Ngentsebenziswano, iNkonzo Yamathala Eencwadi yaseNtshona Koloni kwakunye noorhulumente bamakhaya banikezela ngeenkonzo zamathala eencwadi kubemi abangama-1,229,715 abangamalungu amathala eencwadi eli phondo. Ekupheleni kuka-2004, ayengama-309 amathala eencwadi ayesayanyaniswa nale Nkonzo Yephondo Yamathala Eecwadi. Malunga nama-26% abemi baseNtshona Koloni bangamalungu amathala eencwadi yaye iinkonzo zamathala eecwadi zeli phondo ziqhayisa ngamaziko azo akumgangatho olinganayo nalowo weenkonzo zamathala eencwadi ezikowona mgangatho uphezulu ehlabathini.

Uthotho lwempahla yamathala eencwadi inikezelwa kuluntu jikelele ngendlela yokubaboleka leli Candelo Leenkonzo Zamathala Eecwadi. Iincwadi, amaphepha-ndaba aphuma ngamaxesha athile, amaphepha-ndaba, amacwecwe omculo nawemiboniso bhanya-bhanya, amaphepha abhalwe zizifundiswa kwakunye namanye nje amaphepha okkwazisa ngale nknzo eluntwini ayanikezelwa. Abasebenzi bale Nkonzo ngabo abajongana nokuchongwa, ukufunyanwa, ukulungiswa, ukugcinwa kwakunye nokunikezelwa kwale mpahla koorhulumente bamakhaya ngokubaboleka.

Abasebenzi bale Nkonzo yePhondo

  • Bakwanikezela nangeengcebiso nomkhomba-ndlela kubasebenzi bala mathala eencwadi kwanakoorhulumente bamakhaya.
  • Banikezele ngenkonzo ngenkonzo yokuthumela neyenkonzo yolwazi.
  • BVneze uphando malunga nokunikezelwa nokusetyenziswa kweenkonzo zamathala eencwadi.
  • Baphakamise ukusetyenziswa kwamathala eencwadi nempahla yawo

Abasebenzi bale Nkonzo yephondo Yamathala eencwadi bakwazibandakanya ekuncediseni ekugcinweni nasekuhlonitshweni kweenjongo zamathala eencwadi oluntu.

Amathala eencwadi oluntu zizixhobo zeenguqu nempucuko eluntwini yaye ayaqhubekeka ephuhlisa imfundo, inkcubeko, ukuzonwabisa, ukufunda nokubhala kwanokufikelela komntu wonke kulwazi.

Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 3 uJanuwari 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo