| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
|
|
Uthotho lweencwadi nazo zonke nje ezinye izinto ezifumaneka kumathala eencwadi kuyabolekiswa ngazo kuluntu ngamathala eencwadi oluntu aphantsi kwecandelo Leenkonzo Zamathala Eencwadi. Ngaphandle kweencwadi, amaphepha aveliswa ngamaxesha athile, amaphepha-ndaba, amacwecwe, amacwecwe emifanekiso bhanya-bhanya kwakunye nezinye nje iimpepha ezinezibhalo ezikhutshwe zizifundiswa kukwabolekiswa ngazo apha kula mathala. Abasebenzi becandelo Leenkonzo Zamathala Eencwadi bajongana nokuchongwa, ukwamkelwa, ukulungiswa, ukugcinwa nokuhanjiswa kwale mpahla yamathala eencwadi koorhulumente bamakhaya ngokubolekiswa. Kukwaveliswa nempahla yamathala eencwadi yokwazisa ngala mathala simahla kumathala eencwadi oluntu. Abasebenzi bamathala ephondo banikezela ngeengcebiso kubasebenzi nabaphathi bamathala eencwadi, banikezele ngenkonzo yokuphawula neyokwazisa, benze uphando ngokunikezelwa nokunokusetyenziswa kweenkonzo zamathala eencwadi ze baphakamise nokusetyenziswa kwala mathala eencwadi kwakunye neencwadi zawo. Abasebenzi becandelo Leenkonzo Zamathala Eencwadi Zephondo akwazibandakanya ekunikezele umkhondo ngokugcinwa nasekuhlonitshweni kwamathala eencwadi oluntu. |
iNkonzo Yamathala Eencwadi Yephondo leNtshona Koloni, ngentsebenziswano noorhulumente bamakhaya, inikezela ngenye yeenkonzo zamathala eencwadi akowona mgangatho uphezulu apha eMzantsi Afrika. Ekupheleni kuka-2003 inani elifikelela ku-263