|
Injongo yale nkqubo Yophuhliso Lweshishini Lwezokhenketho kukwandisa ubunini bamashishini ezokhenketho kweli phondo leNtshona Kapa kwanokuqinisekisa ukuba amashishini ezokhenketho enza ingeniso ebonakalayo nazamayo aphantsi kolawulo lwabantu abamnyama ayanda kweli Phondo.
Ezi njongo ke sizama ukuzizuza ngokuthi sixhase abanini-mashishini ezokhenketho ukuze:
- Baphucule izakhono zabo kwanamacebo olawulo lwala mashishini.
- Bandise ulwazi lwabo ngeli shishini lezokhenketho, amathuba elibaphathela wona kwanemiceli-mngeni.
- Siqinisekise ukufikelela kwala mashishini kwiimalike ngokweendlela ezahlukeneyo.
Ngapha koko, eli phulo Lophuhliso Lweshishini Lwezokhenketho lithe lasebenzisa Nesicwangciso-qhinga Sokugaya Inkxaso Esihlula-hlulwe Ngokwamabakala apho amashishini ahlula-hlulwe angamaqela okanye amanqanaba amane ophuhliso loshishino. Inqanaba ngalinye ke kula liye laqulunqelwa intlaninge yeenkqubo ezikudidi olulodwa..
Iinkcukacha ngala mabakala kwaneenkqubo ezihambelana nazo zifumaneka kwiphetshana leengcaciso elisihloko sithi How Can
We Support Your Tourism Business.
IBUTHO LOSHISHINO LWEZOKHENKETHO
Eli phulo Lophuhliso Lweshishini Lwezokhenketho liye lazimanya kwiqhina lentsebenziswano nentlaninge yemibutho ebona iinguqu kwanale nkqubo yophuhliso loqoqosho lwabamnyama njengezinye zezona njongo zayo.
Xa sisonke senza eli Butho Loshishino Lwezokhenketho, elithe ngokuhlangana rhoqo lade lanakho nokuqulunqa isicwangciso-qhinga esinye. Ngalo mbono mnye, iinkqubo esabelana ngazo, iziAbonelelo ezihlanghanisiweyo, eli Butho liluphuhlisa ngokwenene ushishino lwezokhenketho lweNtshona Kapa.
SINGALIXHASA NJANI ISHISHINI LAKHO LEZOKHENKETHO
Cofa kulo naliphi na iqhosha ukuze ube nokufunda banzi ngendlela iButho Lophuhliso Loshishino Lwezokhenketho elinobanceda ngayo abanini-mashishini ezokhenketho.
|