| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
ISEBE LAMASHISHINI OLUNTU: UBUME
|
|
ISebe lamaShishini oLuntu linoxanduva lokukhokela nokulawula uhlengahlengiso olukhawulezileyo lwamashishini angawombuso ukuze kuphuculwe kangangoko okuxatyiswe ngumnini-zabelo. Eli Sebe lineenkqubo ezintandathu:
Le nkqubo inoxanduva lokusingatha zonke iinkqubo zokukhokela nokulawula eli Sebe kunye neCandelo loMphathiswa. Le nkqubo iquka iCandelo loMphathiswa, iOfisi yoMlawuli-Jikelele, ezoQhagamshelwano, icandelo loPhicotho lwangaphakathi kunye neCandelo loMlawuli oyiNtloko yeeNkonzo ezidityanelweyo. Le nkqubo yiyo equlunqa kananjalo isungule inkqubo yohlengahlengiso ukuze kuhlangabezwane neenjongo zikaRhulumente ngokubhekiselele kwezoqoqosho. Linamacandelo angala: elezaMandla noNxibelelwano ngeMinxeba, elezoThutho, elezokuQulunqwa kweeNkqubo zeziMali, nelezokuHlalutya iiNgxaki ezi IWEBSITE: www.dpe.gov.za |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 16 uAgasti 2004